Ndiyaqal’ukuyibona Le
Le yincwadi yamabalana amafutshane neye yachaphazela kanobom imiba enobuzaza phakathi koluntu. Umbhali ukhupha imbilini yakhe engagogotyanga lutho ngezinto eziliqela esithi sityhubele kuzo kwiindawo esihlala kuzo. Bali ngalinye liyakholeleka, lidlwengula umxhelo likwadlikidla nesimo sengqondo esimele sibe naso kwizinto ezisingqongileyo nesizibona qho. Umbhali ukholelwa ekubeni la mabali anako ukukhulisa iingqondi ezithe qwa kwaneencoko ezakhayo eluntwini.
HA! HA! HA!
Ubuqhula yinto yokuziyolisa. Kuthiwa kuyahlekwa nokuba kubi.
La mabalana akasekelezelwanga mntwini, nandawo. Umfundi uyakuqaphela ukuba, uhlobo ayilwe ngalo, utsho umntu afanise imeko leyo ekwibali nendawo ahlala kuyo.